Suche einschränken:
Zur Kasse

Ezingaqhelekanga

Lo kaMahola uthi le ncwadi lizibulo lakhe ekubongeni, kodwa isimbo sidiza ukuba ungumakad' enethwa kubhalo lwencwadi. Umbhali lo usebenzisa uthetha-thethwano ukutsala umdla kumfundi. Mve xa esithi, "Uvela phi ezinzulwini zobusuku?" Kwisithandwa sam. "Ngoku?" Le mbongi igxila ngokufihla isithethe ngamava ayo entlalo yobomi. Esi sakhono sivela xa esithi, "Ethwel' ubhaka emqolo Okwenyosi ivela kuhlangula." Yiva kwakhon' intsingisel' efihlakeleyo xa esithi, "Iinkowan' ezinetyhefu zintshula phantsi kwamabunga." Uthi akuntyuntya ngeentaba zebhukazana angabi nako ukuzikhwebula kwiinkumbulo zobuntwana. Uzoba ubume beentaba, izilwanyana, ubomi nobuntwana ade azive umfundi engene tshwa kwawakhe amava amandulo. Kukwanjalo xa abona ukuvuthuluka kwezakhiwo zexabiso kwisikolo awayefunda kuso. Ude athi kumthandazo wakhe, "Bawo sixolele, sasingazi ukuba sityala intshabalalo." Ungathabatheka xa umva esithi, "Ibali elityhafileyo liyabuna emlonyeni wegangxa." Unyanisile kuba kwimibongo yakhe umfundi akasayi kozela alale. Sinethemba lokuba le ncwadi iza kwengeza kuncwadi olukhoyo lwesiXhosa, yaye iza kuvuselela ubhalo nofundo lolwimi lwethu. NguMbulelo Nzo

CHF 24.50

Lieferbar

ISBN 9780620921251
Sprache xho
Cover Kartonierter Einband (Kt)
Verlag Seuluala SA Publishing
Jahr 20210919

Kundenbewertungen

Dieser Artikel hat noch keine Bewertungen.